Job 16:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bendisekwonwabeni, kodwa wandingcangcazelisa: undibambile ngentamo, wanditi viti; wandimisa ndibe ngumlinganiso kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaxola, wandahlula; Uphinde wandibamba entanyeni wandibamba wandenza iziqwenga wandimisa njengophawu lwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna bendingacingele nto, suka ke yena wandintlekeza, wandibamba ngobhongwana, wandiqwenga. Ewe, mna sendiyeyona nto ajolise kuyo.