Job 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku abahlobo abatatu baka‐Jobi beva bonke obububi abehlelwe bubo, bavela abanye ngabanye ezindaweni zabo, — u‐Elifazi um‐Temani, no‐Biledadi um‐Shuha, no‐Tsofare um‐Nahama; ngokuba bebevumelene ukuza kumku̔za nokumtutuzela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama.Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zathi izihlobo ezithathu zikaYobhi zakuva ngayo yonke le ntlekele emhleleyo, zeza zaya elowo endlwini yakhe; nguElifazi wakwaTeman, uBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare wakwaNahama; ngokuba babenzela umnqophiso wokumenza buhlungu, bamthuthuzele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYobi wayenezihlobo ezithathu ezathi zeva ngayo yonke le nkxwaleko emhleleyo. Yaseso isihlobo ke seza sivela kowaso umzi, inguElifazi waseTeman, uBhildadi waseShuwa, noZofare waseNama. Zazivumelene ngento yokuba ziye kumkhuza uYobi, zimthuthuzele.