Job 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati ku‐Satane: Ugqalile na isicaka sam u‐Jobi, ukuba akuko onjengaye emhlabeni, indoda efezekileyo, elungisayo, eyoyikayo utixo, epambukayo enkohlakalweni? osabamba ubunene bake, nangona ubundivusa ngakuye, ukuba ndimtshabalalise kungeko tuba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini:esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wathi kuSathana: “Ukubonile na, mkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda elilungisa, elilungisa, emoyikayo uThixo, ebuphepha ububi? ukanti usabugcinile ubulungisa bakhe, nokuba undishukumisele ukuba ndimtshabalalise ngelize.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi. Nangoku usabambelele ekuthembekeni kwakhe, nangona wena undixhokonxele ekubeni ndimonakalisele ngaphandle kwesizathu.”