Job 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukupuma u‐Satane ebusweni bukayehova, wambeta u‐Jobi ngamatumba amabi, kwa kuwo umzantsi wonyawo lwake kwada kwaselukakayini lwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSathana wesuka ebusweni bukaYehova, wambetha uYobhi ngamathumba, wathabathela entendeni yeenyawo zakhe wesa etholeni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo, wafika wabetha uYobi ngamathumba oyikekayo athi tshitshilili ukuqalela elunyaweni ukuya kutsho entloko.