Job 20:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubumnyama bonke bubekelelwa izinto zake ezibekelweyo; uya kumgqiba umlilo ongavutelwanga; woza elishweni lowo useleyo ententeni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubumnyama bonke buya kufihlwa emifihlekweni yabo; umlilo ongatshiyo uya kumtshisa; kuya kuba kubi kohlala ententeni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke indyebo yakhe yovuthuluka iphele, kuthi gqi umlilo ongaphenjwanga mntu utshabalalise okushiyekileyo endlwini yakhe.