Job 24:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isizalo siya kumlibala; woba kukutya okumnandi kwimpetu: akasayi kubuya akunjulwe; iti inkohlakalo yapulwe njengomti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya, Ababi sakhunjulwa; Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isizalo siya kumlibala; umbungu uya kumdla kamnandi; akayi kukhunjulwa; nobungendawo buya kugawulwa njengomthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nditsho nonina uyamlibala; kaloku umemethwe ziimpethu, akabi sakhunjulwa. Ewe, isikhohlakali sinkumka oku komthi owomileyo.