Job 31:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba intshabalaliso katixo ibisisituso kum; napambi kwobungangamsha bake bendikohliwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo, Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ukutshitsha kukaThixo bekundinkwantyisa, Ndingenako ukukuthwala ngenxa yobukhulu bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi bo! Ngenxa yokoyika isohlwayo sikaThixo, nangenxa yokuhlonipha ubuhandiba bakhe, into enjalo andizange ndayenza.