Job 31:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
oko, mandinkwantye isihlwele esikulu, nokudela kwezizalwane makundimatise; ewe, manditi cwaka, ndingapumi elucangweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi, Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane, Ndathi cwaka, andaphuma emnyango
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba bendisoyika isihlwele esikhulu, okanye ngaba indelo yaloo ntsapho yandoyikisayo, kangangokuba ndathi cwaka ndingaphumi emnyango?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba mna andiboyiki abantu, andithi cwaka okanye ndizivalele endlwini, kuba ndisoyika ukunyenjwa zizalamane.