Job 32:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandul’ ukuvuta ingqumbo ka‐Elihu unyana ka‐Barakeli um‐Buze, owesizalwane sika‐Rame: ngakuye u‐Jobi yavutu ingqumbo yake, ngenxa yokuba wazigwebela ngapezu kwotixo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha umsindo kaElihu, unyana kaBharageli, umphathi wesizwe sakwaRam; Wavutha umsindo wakhe kuYobhi, ngokuba wayezigqala elilungisa kunoThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo.