Job 32:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Elihu unyana ka‐Barakeli um‐Buze, wati: Mna ke imihla yam mincinane, kodwa nina ningamaxego; ngako oko bendindweba, ndoyika ukunityela isicamango sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uElihu, unyana kaBharageli, kaBhushe, wathi, Ndimncinane mna, ke nina nibadala kunene; ngoko ndandisoyika yaye ndandingenaso isibindi sokuvakalisa iimvakalelo zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi: “Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka, ke nina senikhulile, niziingwevu, nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala, ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo.