Job 35:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yobuninzi bembandezelo abantu bayakala; bayamemeza ngenxa yengalo yabakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yeembandezelo ezininzi bathi abacinezelweyo; Bakhala esandleni sowomeleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abantu bayakhala ngenxa yobuninzi bengcinezelo; balangazelela ukukhululeka kwisandla sabanamandla.