Job 4:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaukumbule, ngubanina obengenatyala owabubayo? kupina ke babetshatyalaliswa abalungisayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khumbula, ngubani na owakha wadaka, kuba emsulwa? Anqunyulwa phi na amalungisa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayi kaloku, khawuzikise ukucinga; ngubani owakha wabhanga emsulwa? Ingubani khona owakhe watshabalala kodwa engenabala?