Job 42:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusiza kuye bonke abaninawe bake, nabo bonke odade bake, nabo bonke abebefudula besazana naye, badla isonka naye endlwini yake, bamku̔za, bamtutuzela ngenxa yabo bonke ububi abebuzisile uyehova pezu kwake: bampa abanye ngabanye iqosha lemali, nabanye ngabanye umsesane wegolide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade bakhe bonke, nabo bonke abebazi, badla isonka endlwini yakhe; bamlilela, bemthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemhlisele bona uYehova;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantakwabo noodade bakhe, ngokunjalo nâbo babemazi ngaphambili, beza, batya kunye naye emzini wakhe. Bavelana naye, bamkhuza bemthuthuzela ngenxa yesithwakumbe awayebethwe ngaso nguNdikhoyo. Bonke ngabanye ngabanye bamnika imali nomsesane wegolide.