Job 42:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova ekutamsanqelisa ukupela kuka‐Jobi ngapezu kwokuqala kwake: ngokuba ebenegusha ezingamawaka alishumi linesine, nenkamela ezingamawaka matandatu, nezibini zenkabi eziliwaka, namaqwaṙashekazi ekwa liwaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kwesiqalo sakhe, ngenxa yokuba wayenezimvu ezilishumi elinesine lamawaka neenkamela ezingamawaka amathandathu namahashe angamawaka neenkomo namaesile aliwaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uNdikhoyo walithamsanqela ikamva likaYobi nangaphezu kokuba wayenzile kubomi bakhe bangaphambili. UYobi waba neshumi elinesine lamawaka eegusha, isithandathu samawaka eenkamela, amawaka amabini eenkabi zeenkomo newaka leedonki.