Job 42:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kungafunyanwa amankazana emahle njengentombi zika‐Jobi, kulo lonke ilizwe: wati uyise wazinika ilifa pakati kwabazalwana bazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ehlabathini lonke akuzange kubekho mfazi wayemhle njengeentombi zikaYobhi, yaye uyise wazinika ilifa phakathi kwabantakwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kulo lonke ihlabathi akukho ntombi yayifika kwezo ntombi zikaYobi ngobunzwakazi. Nazo ke uyise wazinika ilifa kwanjengabantakwazo.