Job 42:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, akuba ebetetile uyehova lamazwi ku‐Jobi, wandula uyehova wati ku‐Elifazi um‐Temani: ingqumbo yam iyavuta ngakuwe, nangakuzo izihlobo zako zozibini; ngokuba ningatetanga ngam okufanelekileyo, njengesicaka sam u‐Jobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawathetha uYehova la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubahlobo bakho bobabini, ngenxa enokuba anithethanga ngobulungisa ngam, njengoYobhi umkhonzi wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.