Job 42:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, zitabateleni inkabi zibe zisixe̔nxe nenkunzi zegusha zibe zisixe̔nxe, niye kwisicaka sam u‐Jobi, ninikele idini lokutshiswa ngenxa yenu; waeya kuti u‐Jobi, isicaka sam, anitandazele: ngokuba yena ndiya kumbuka, ukuze ndingenzi kuni ngobudenge benu; ngokuba ningatetanga ngam okufanelekileyo, njengesicaka sam u‐Jobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizenzele idini elinyukayo; uYobhi, umkhonzi wam, uya kunithandazela; kuba ndiya kukholiswa nguye, ukuze ndingenzi kuni ngobudenge benu, ekubeni aningobulungisa njengoko umkhonzi wam uYobhi watshoyo ngam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”