Job 7:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina kanjalo ukuba ungaxoleli isigqito sam, uyisuse inkohlakalo yam? ngokuba kaloku ndiya kulala elutulini; wondifuna kusasa, koko ndingayi kubako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini;Wondondela kakhulu, ndingabikho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kungani na ukuba ungasixoleli isikreqo sam uze ubususe ubugwenxa bam? ngokuba ngoku ndiya kulala eluthulini; nindifune kusasa, ndingabikho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba awungendixoleli na isono sam, ubulibale ubutyala bam? Kuba ke ngoku ndiza kulala kobandayo; uthi undifuna ndibe ndingasekho!”