Joel 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Binqani, nenze isijwili, nina baperisite! kalani, nina bakonzi besibingelo! ngenani, nihlale ngentlakantlaka ubusuku bonke, nina bakonzi botixo wam! ngokuba umnikelo wokudla, nomnikelo wokusela, ubanjiwe kuyo indlu katixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, babingeleli;bhombolozani, balungiseleli besibingelelo; yizani, lalani ngezirhwexayo bonke ubusuku, balungiseleli boThixo wam; kuba indlu yoThixo wam ivinjiwe umnikelo wokudla nothululwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zibopheni nina babingeleli; Dumani, bakhonzi besibingelelo; yizani, nilale ebumnyameni bonke ubusuku, bakhonzi boThixo wam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina, babingeleli, fakan' ezokufelwa nizile; bhombolozani, balungiseleli baseqongeni. Yambathani ezokuzila nasebusuku, nditsho nina, balungiseleli bakaThixo wam, ngenxa yeminikelo yeenkozo nethululwayo. Kaloku yona inqamkile endlwini yoThixo wenu.