Joel 2:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhlaba wozamazama ebusweni babo, izulu liya kungcangcazela; ilanga nenyanga zoba mnyama, nenkwenkwezi ziya kufinyeza ukukanya kwazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umhlaba uyanyikima phambi kwabo; liya kunyikima izulu, libe mnyama ilanga nenyanga, zibe mnyama iinkwenkwezi ekukhanyeni kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakuvela suka kunyikim' umhlaba; ke sona isibhakabhaka singcangcazele, ilanga nenyanga zijike zibe mnyama, ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.