Joel 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo uyehova woku̔pa ilizwi lake pambi kwempi yake; umkulu kakulu nje umkosi wake; ewe, unamandla, usenza umteto wake: ngenyaniso umhla kayehova umkulu, ngowoyikekileyo kunene; ngubanina ongawunyamezelayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe;kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kuliphakamisa izwi lakhe phambi kwamaqela akhe, ngokuba mininzi kakhulu iminquba yakhe; ngokuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onyamezeleyo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi, endolosa phambi komkhosi wakhe. Awakhe amabutho yinkungu nelanga; ewe, yena uthotyelwa ngamagorha. Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo! Awu, hay' ukoyikeka kwayo! Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?