Joel 2:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mabati abaperisite, abakonzi bakayehova, balile pakati kwentendelezo nesibingelo; mabatsho ukuti: Yiba nosizi, Yehova! ebantwini bako, unganikeli esigxekweni ilifa lako, baze abaheyideni babe nobukosi pezu kwabo: baya kuti nganina pakati kwabantu: Upina utixo wabo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Uphi na uThixo wabo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafanele balile ababingeleli, abakhonzi bakaYehova, phakathi kweveranda nesibingelelo, bathi, ‘Bashiye abantu bakho, Yehova, unganikeli ilifa lakho lidelele, ukuze zilawule iintlanga; abaya kuthi phakathi kwabantu, Uphi na uThixo wabo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli abalungiselela kwaNdikhoyo mabantywizise; ewe, mabalile phakathi kwegumbi lokungena neqonga, bathi: “Khawube nebuyambo, Ndikhoyo! Abantu abalilifa lakho mabangabi sisigculelo. Mabangabi ngundaba-mlonyeni wezizwe. Abantu mabangathethi ngabo besithi: ‘Ud' abe phi na lo Thixo wabo?’ ”