Joel 2:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, uya kupendula uyehova, ati ebantwini bake: Bona ke, ndonitumela inqolowa, neveyine entsha, neoli, naniya kukoliswa zizo: ndandingasayi kunenza nibe sisigxekwa pakati kwabaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa zizo; andiyi kuba sanenza nibe sisingcikivo ezintlangeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wobaphendula athi: “Ewe, ndiza kuninika ingqolowa, newayini entsha, namafutha omnquma. Ngenene niya kutya nihluthe, ndingaze ndiphinde ndinenze intlekisa phakathi kwezizwe.