Joel 2:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ningoyiki, nina zilo zasendle! ngokuba amaṙiwa asentlango ecu̔ma utyani; ngokuba umti uhlanza ukutya kwawo; umkiwane nomti weveyine iyanika amandla ayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukoyika, mpahla inkulu yelizwe; kuba amakriwa asentlango ahluma;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle. Kaloku amadlelo asentlango ayahluma, imithi nayo ithwala iziqhamo zayo, ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.