Joel 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pambi kwabo umlilo uyadla, nasemva kwabo ilangatye liyatshisa; ilizwe elipambi kwabo linjengomyezo we‐Hedeni, nasemva kwabo lubala oluci̔takeleyo; nakanjako akuko nto eya kusinda kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kutsha umlilo phambi kwabo; nasemva kwabo kuvutha amadangatye; ihlabathi linjengomyezo wase-Eden phambi kwabo; ewe, akukho nto iya kusinda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phambi kwawo kulenyez' umlilo; ngasemva kudangazel' idangatye. Phambili phaya umhlaba ngathi ngumyezo we-Eden, kodwa emkhondweni wawo yinkangala. Ubetha kungasindi nto konke-konke.