Joel 2:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, bonke abaya kubiza egameni likayehova bosindiswa; ngokuba entabeni ye‐Ziyone, nase‐Yerusaleme, kuya kubako ukusinda, njengokuba etshilo uyehova, napakati kwabaseleyo abaya kubizwa nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde;kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa; ngokuba entabeni yeZiyon naseYerusalem kuya kubakho usindiso, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa, kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa, njengoko atshiloyo uNdikhoyo – nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”