Joel 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kugquma uyehova e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; kwongcangcazela amazulu nomhlaba: kodwa uyehova yindawo yokupepela kubo abantu bake, nenqaba kulo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kubharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem; amazulu nomhlaba ngokuqinisekileyo uya kunyikima, yaye uYehova uya kuba lithemba labantu bakhe namandla oonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wobhavuma eZiyon, izwi lakhe lizongome eJerusalem, umhlaba nesibhakabhaka utsho ungcangcazele. Ke abakhe bazimela ngaye uNdikhoyo; ewe, yena ulixhadi labantu bakhe amaSirayeli.