Joel 3:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndiya kwandula ndizihlanganise zonke izizwe, ndizihlisele emhlanjeni we‐Yehoshafate, ndipikisane nazo kona apo, ngenxa yabantu bam nelifa lam o‐Sirayeli, ezibacitileyo pakati kwezizwe, zalaba ilizwe lam;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzihlanganisa zonke iintlanga ndize ndizihlisele entlanjeni yakwaYehoshafati ndize ndilwele nazo apho ngenxa yabantu bam nelifa lam likaSirayeli, owazichithachitha phakathi kweentlanga nowabelahlulayo ilizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndoziqokelela zonke izizwe, ndizithobele kwintili kaYoshafati, apho ke ndozigweba khona ngenxa yelifa lam abantu bam amaSirayeli. Kaloku bawasarhaze aziimbacu ezizweni, bawahlula-hlula umhlaba wam.