Joel 3:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanene ke, niyinto nina kum, nina Tire ne‐Tsidone, nayo yonke imida yase‐Filistiya? noyenza impindezelo kum na? nakuba nipindezela kum, ndokauleza ndinxame ndibuyise impindezelo yenu pezu kweyenu intloko;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yintoni na enam nawe, Tire, nawe, Tsidon, nani mazwe onke asePalestina? uzondinika impindezelo? ukuba uthe wazikhulula, ngokukhawuleza, kamsinya, ndokuphalaza ukuphatha kwakho entlokweni yakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko.