John 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Lizwi waba yinyama, wahlala pakati kwetu, (sati kekaloku sakangela ubungcwalisa bake, ubungcwalisanjengabo obokupela kwozelweyo evela kutixo,) ezele lufeie nayinyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uLizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.