John 1:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Johane wanqi̔na ngaye, wadanduluka, esiti: Ebenguye lo endati ngaye: Ozayo emva kwam, uze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYohane wangqina ngoLizwi; wadanduluka esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYohane wangqina ngoLizwi; wavakalisa esithi: “Lo ngulowo bendithetha ngaye xa bendisithi: ‘Lowo uza emva kwam mkhulu kunam, kuba wayeselekho ndingekabikho mna.’ ”