John 10:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko mntu ondihluta bona, koko ndibubeka pantsi ngokwam. Ndinegunya lokuba ndibubeke pantsi, ndinegunya lokuba ndibuye ndibutabate kanjalo. Lomyalelo ndawamkela kubawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam;ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”