John 11:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ati ama‐Juda abenaye endlwini, abemku̔za ke, akubona u‐Mariya ukuba wesuka ngobunxamo wapuma, amlandela, esiti: Uya encw̔abeni, ukuze alile kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amaJuda lawo awayekunye noMariya endlwini, eze kukhuza, athi akubona ephakama kamsinya, aphuma amlandela. Ayeba uya kulila engcwabeni.