John 11:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu: Susani ilitye: Wati kuye u‐Marita, udade wofileyo: Nkosi! usel’ enuka; ngokuba kuntsuku zine efile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi uYesu: “Lisuseni ilitye.” Wathi uMarta, udade bomfi: “Nkosi, selenevumba, kuba seleneentsuku ezine eswelekile.”