John 11:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Yesu akuva oko wati: Esisifo asisesokuba kube kukufa, singenxa yobungcwalisa bukatixo, ukuze unyana katixo enzelwe ubungcwalisa ngaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva loo nto, wathi uYesu: “Oku kugula akuyi kuphelela ekufeni, koko kuya kubonakalisa amandla kaThixo, aze uNyana kaThixo abe nodumo.”