John 12:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sasisiti ngoko isihlwele esibe sinaye, okuya wambiza u‐Lazarusi apume encw̔abeni, wamvusa ekufeni, sanqi̔nela kwa oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ibe ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto.