John 12:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku umpefumlo wam ukatazekile; ndize nditi nina? Bawo! ndisindise kwelixeshana: koko kungenxa yoku ndezayo kulo elixeshana:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na?Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku umphefumlo wam ukhathazekile; ndithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa; kungokunje ndizele leli lixa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha.