John 12:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Mariya, watabata iponti yamafuta mnandi enadusi engcwengileyo, exabiso likulu kunene, watambisa inyawo zika‐Yesu, wazisula inyawo zake ngenwele zake: yati indlu yazaliswa livumba lamafuta lawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso, likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso.