John 12:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sati isihlwele ukumpendula: Tina sivile kuwo umteto, ukuba u‐Kristu uyahlala kude kube ngunapakade; uti nina kanti wena ukuti: Unyana wesintu ufanele ukupakanyiswa? ungubanina lo unyana wesintu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, uNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?”