John 12:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngoko kubo u‐Yesu: Kuselixesha elincinane ukanyiso lunani; hambani nxa nisenalo ukanyiso, ukuze ubumnyama bunganibaqi: kanjalo ohambayo ebumnyameni akazi ukuba uya pina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani nisenokhanyiso, hleze ubumnyama bunifikele; kuba lowo uhamba ebumnyameni akakwazi apho aya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo.