John 12:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa nisenalo ukanyiso, kolwani kulo ukanyiso, ukuze nibe lusapo lwokukanya. Ezizinto waziteta u‐Yesu, waza wemka, wazifihla kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso. Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa nisenokhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabantwana bokukhanya. Ezi zinto wazithetha uYesu, wemka, wazimela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.” Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.