John 13:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Anditeti ngani nonke; ndiyabazi mna abo ndabanyulayo; koko kunje ke ukuze sizaliseke isiba̔lo sokuti: Obesidla isonka ndawonye nam, upakamisile isitende sake ngakum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo;oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Andibhekisi kuni nonke. Ndiyabazi abo ndibanyulileyo, kodwa imelwe kukuzaliseka le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Lowo utyayo kunye nam undivukele.’