John 13:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuba ebekutshilo oku u‐Yesu, wakatazeka emoyeni, wanqi̔na, wati: Ngokwenene, ngokwenene nditi kuni, omnye kuni wondingcatsha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba uYesu etshilo, wakhathazeka kakhulu, waza wabaqononondisa esithi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha uza kundingcatsha.”