John 13:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yesu ukupendula: Ngulowo endiya kunika umtamo kuye, ndakuba ndiwufakile. Waza akuba ebewufakile wawunika ku‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika iqhekeza lesonka, xa ndithe ndalithi nkxu. Elithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uYesu wathi: “Ngulowo ndiya kuthi ndakuba ndisithe nkxu isonka, ndimnike.” Waza wathatha iqhekeza lesonka, walithi nkxu, walinika uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti.