John 13:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lusatshana! lixesha elincinane endisenani ngalo. Niya kundifuna; nanjengokuba ndati kuma‐Juda: Apo ndiyayo mna, aningeze nina kona; nditsho nakuni ngoku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani.Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina; ngoko ke ndithi kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bantwana bam, liphelile ixesha lam phakathi kwenu. Niya kundifuna, kodwa oko ndakuthethayo kumaJuda ndikuthetha nakuni ngoku, ndisithi: ‘Apho mna ndiya khona, aninakuya nina.’