John 14:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, lomisebenzi endiyenzayo mna uya kuyenza naye; nemikulu kulé uya kuyenza; ngokuba ndimka ukuya kubawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza; ngokuba mna ndisiya kuBawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.