John 14:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umonwabisi, kwa umoya oyingcwele, oya kutunywa ngubawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikumbuze zonke izinto endazitetayo kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethileyo kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.