John 14:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko kunje ke ukuze lazi ilizwe okokuba ndiyatanda ubawo; nokuba nditi, njengokuba endiyalele ubawo, ndenje njalo. Sukani, simke apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo; kwaye njengoko uBawo endiwisele umthetho, ndenjenjalo. Vukani, simke apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa ukuze ihlabathi liqonde ukuba ndiyamthanda uBawo, yaye ndisenza njengoko uBawo andiyaleleyo, ndithi kuni: ‘Phakamani, simke apha.’ ”