John 15:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nina ananyula mna, koko mna ndanyula nina, ndanimisa, ukuze niye nivelise iziqa̔mo, nokuba iziqa̔mo zenu zibe nokuhlala; ukuze, oko enisukuba nikucela kubawo egameni lam, anipe kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale;ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aninyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela ukuba nihambe nithwale isiqhamo, size nesiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, aninike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.