John 15:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba lomisebenzi bendingayenzanga pakati kwabo, ekungeko mntu omnye oyenzileyo, bebengayi kuba nasono; kodwa kaloku babonile, batiyile nokutiya kwa nam nobawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; ngoku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba babengandibonanga ndisenza imisebenzi engazange yenziwa mntu, ngebengabanga natyala; kodwa bayibonile imisebenzi yam, kanti noko bandithiyile mna, bamthiyile naye uBawo.